Ndingafikelela njani ku-LifeWorks?

Ukuze uloge ungene kwi-LifeWorks, kuza kufuneka uqale umenywe yinkampani okanye yintlangano yakho. Baza kukunika i-username nephasiwedi esetyenziswa ngumntu wonke kwinkampani okanye baza kukuthumelela isimemo sakho ukuze ubhalise ngedilesi yakho ye-imeyile..

Ukuba sele ubhalisile ungadawunlowuda i-app yeLifeWorks simahla kwi-Apple App Store okanye kwi-Google Play Store kwifowni yakho esisi-smartphone uze ucofe 'Ngena'. Okanye yiya ku-LifeWorks kwenye yeebrawza ezisebenzelana newebhusayithi yethu (U-Firefox, Safari, Google Chrome okanye u-Internet Explorer 11) uze ungene.

Ukuba awukazifumani iinkcukacha zokungena okanye isimemo, nceda uqhagamshelane nesebe laBasebenzi/leeNzuzo okanye umlawuli wase-LifeWorks ukuze wazi ukuba ungabhalisa njani na.