Ndingafikelela njani kuTELUS Health One?

Ukuze uloge ungene kwiTELUS Health One, kuza kufuneka uqale umenywe yinkampani okanye yintlangano yakho. Baza kukunika i-username nephasiwedi esetyenziswa ngumntu wonke kwinkampani okanye baza kukuthumelela isimemo sakho ukuze ubhalise ngedilesi yakho ye-imeyile.

Ukuba sele ubhalisile, ungadawunlowuda i-app yeTELUS Health One simahla kwi-Apple App Store okanye kwi-Google Play Storekwifowni yakho esisi-smartphone uze ucofe 'Ngena'. Okanye yiya kuTELUS Health One kwenye yeebrawza ezisebenzelana newebhusayithi yethu (U-Firefox, Safari, Google Chrome okanye u-Internet Explorer 11) uze ungene.

Ukuba awukazifumani iinkcukacha zokungena okanye isimemo, nceda uqhagamshelane nesebe laBasebenzi/leeNzuzo okanye umlawuli waseTELUS Health One ukuze wazi ukuba ungabhalisa njani na.