Ndiyibhalisela njani i-LifeWorks?

Kukho iindlela ezimbini ezahlukahlukeneyo zokubhalisela u-LifeWorks.

1. Isimemo nge-Imeyile:
Ukuba ufumene isimemo nge-imeyile, cofa kwilinki ekwi-imeyile ukuze uvule iakhawunti ye-LifeWorks.

2. Ikhowudi yokubhalisa:
Ukuba inkampani yakho inekhowudi yokubhalisa eyabelene ngayo nawe, yiya ku login.lifeworks.com, khetha u'Bhalisa' okwikona yasekunene yephepha uze ufake ikhowudi. kungenjalo, ungadawunlowuda i-app ye-LifeWorks simahla kwi Apple App Store okanye kwi Google Play Store kwifowni yakho esisi-smartphone uze ubhale ikhowudi yesimemo 'kwicandelo'Lokubhalisa

.

Ukuba awuyifumenanga i-imeyile okanye ikhowudi yesimemo, nceda uqhagamshelane nesebe laBasebenzi/leeNzuzo okanye umlawuli wase-LifeWorks ukuze wazi ukuba ungabhalisa njani na.

Ukuba sele ubhalisile, ungadawunlowudai-app ye-LifeWorkssimahla kwi Apple App Store okanye kwi Google Play Store kwifowuni yakho esisi-smartphone uze ucofe 'Ngena'. Kungenjalo yiya ku LifeWorks usebenzisa enye yeebrawza ezisebenzelanayo newebhusayithi yethu (U-Firefox, Safari, Google Chrome okanye u-Internet Explorer 11) uze ungene.