Ndiyibhalisela njani i-TELUS Health One?

Kukho iindlela ezimbini ezahlukahlukeneyo zokubhalisela i-TELUS Health One.

1. Isimemo nge-Imeyile
Ukuba ufumene isimemo nge-imeyile, cofa kwilinki ekwi-imeyile ukuze uvule iakhawunti ye-TELUS Health One.

2. Ikhowudi yokubhalisa
Ukuba inkampani yakho inekhowudi yokubhalisa eyabelene ngayo nawe, yiya ku one.telushealth.com, khetha u 'Bhalisa' okwikona yasekunene yephepha uze ufake ikhowudi. kungenjalo, ungadawunlowuda i-app ye-TELUS Health One simahla kwi Apple App Store okanye kwi Google Play Store kwifowni yakho esisi-smartphone uze ubhale ikhowudi yesimemo 'kwicandelo' Lokubhalisa.

Ukuba awuyifumenanga i-imeyile okanye ikhowudi yesimemo, nceda uqhagamshelane nesebe laBasebenzi/leeNzuzo okanye umlawuli wase-TELUS Health One ukuze wazi ukuba ungabhalisa njani na.

Ukuba sele ubhalisile, ungadawunlowuda i-app ye-TELUS Health One simahla kwi Apple App Store okanye kwi Google Play Store kwifowuni yakho esisi-smartphone uze ucofe 'Ngena'. Kungenjalo yiya ku TELUS Health One usebenzisa enye yeebrawza ezisebenzelanayo newebhusayithi yethu (U-Firefox, Safari, Google Chrome okanye u-Internet Explorer 11) uze ungene.