Ukuba uyilibele iphasiwedi yakho, ungacofa ku 'Iphasiwedi Ilityelwe' ecaleni kwebhokisi yokufaka iphasiwedi kwiphepha lokungena. Uza kucelwa ukuba ufake idilesi ye-imeyile obhalise ngayo kwi-TELUS Health One. Siza kukuthumelela ilinki yokuseta iphasiwedi. Xa ucofa kuyo, iza kuvula iphepha elithile apho unokufaka khona iphasiwedi entsha.
Ukuba sele ungenile kwi-TELUS Health One kodwa ungathanda ukuba nephasiwedi entsha, ungayihlaziya ngokusebenzisa iiSetingi > iiSetingi zeAkhawunti > Tshintsha Iphasiwedi, okanye landela le linki. Ukuze wenze iphasiwedi, kuza kufuneka uqale uqinisekise le unayo.
Nceda uqaphele ukuba nangona usenokutshintsha iphasiwedi yakho ibrawza yakho kusenokwenzeka igcine le indala. Xa uphinda ungena kwakhona qinisekisa ukuba uzicima zonke iiphasiwedi esele zifakiwe uze uyichwetheze ngokwakho le intsha
Nceda uqinisekise usebenzisa iibrawza ezisebenzelana newebhusayithi yethu (U-Chrome, Firefox, Safari kunye no-Internet Explorer 11) uze ucime nakuphi ukungena kwi-intanethi kwabucala.